Funeral Service of the late Sibongile Nkasela | eObituary

Obituary

USibongile “Dada” Nkasela wazalwa ngomhla wama-24 kwinyanga yeDwarha ngonyaka ka 1975. Uzalwa ngumama wakhe ongasekhoyo uNogwina Jane Nkasela. Wazalelwa eRhawutini kwisibhedlele i Baragwanath. Ungowesibini kubantwana ababini, nguye nomkhuluwa wakhe uThembinkosi.

Amabanga akhe aphantsi uwafundele eLututu Junior Secondary School, nase Quthubeni Junior Secondary School. Amabanga akhe aphezulu uwenzele kwaMhlontlo Senior Secondary School, apho aphumelele khona ibanga lakhe leshumi. Uye waqhubeka ngemfundo enomsila kwidyunivesithi I-Eastern Cape Technikon eyaziwa ngele Walter Sisulu University. Uqale ukuxelengela kwa Discom kuKomani ngexa esengumfundi. Uthe ukugqiba kwakhe wayifulathela iMpuma Koloni elibhekise eNtshona Koloni eKapa, apho aqale khona ukuxelengela kwa Health and Racquet owaziwa ngoku ngo Kauai Virgin Active apho asebenze khona iminyaka engangeshumi. Emva koko waqhubekela kwa Pick n Pay e Waterfront. Usutywa kukufa sele enyuselwe wayokuxelengela kwa Pick n Pay e Sea Point.

Waye walizwa ngomntwana omnye. Ushiya ngasemva umntwana wakhe uChulumanco-Mihlali, abantakwabo abathathu, oodade bakhe ababini, nabatshana bakhe abalishumi. 

LALA NGOXOLO MAMQWAMBI, KHAWUTA, PHALO, TSHIWO, DLEBHU-DLEBHU, TOGU, ZITHEND’EZIKHULU. UGQATSO ULUFEZILE. UMZAMO OMHLE UWUZAMILE. SOHLALA SIKUTHANDA KWAYE SIKUKHUMBULA.

Audio Obituary by Luvuyo Media

Program

Umphathi-nkqubo: Mr. B. Bhonxo

  1. Ufundo lwe-obituary: Audio Obituary by Luvuyo Media
  2. Bendinjani ndikhula: Nosipho
  3. Bendinjani ekuhlaleni: S Mantini
  4. Bendinjani emsebenzini: Babongile
  5. Mntwana wam thetha ngam:
  6. Bantwana basekhaya thethani ngam: Thembinkosi, Bulelwa, Mhlangabezi, Sandia, Ncumisa
  7. Bezinjani intsuku zam zokugqibela: Ncumisa
  8. Ikomkhulu:
  9. Imibutho:
  10. Intshumayelo:
  11. Umbulelo:
  12. Utyhilo litye:
    1. Ufundo: Olona
    2. Utyhilo: Oyama + Aphelele

Location

Watch Funeral

Broadcast will start at 10h00 on Saturday, 01 October 2022 | If for any reeason the live broadcast is interrupted, please refresh in a few minutes and the continuation will pop-up below.

Funeral Images

Tributes

Please write your tribute in the comment section below. Please write it before 20h00 on Friday, 30 September 2022 for it to appear on the live broadcast.

18 thoughts on “Funeral Service of the late Sibongile Nkasela | eObituary”

  1. Xa kuthwa ukufa kufika nje ngesela kunyaniswe andiyikolelwa uba ngo9 ngomngqibelo ndincokole no Sbongie kanti ngepast 10 kuyobe sekuthwa akeko kulomhlaba.
    USbongie ebefikeleleka emntwini wonke nosana olufunda uthetha belifunda uthetha ngaye njengoba nam ngoku andithi sisi ndikhala ngoSbongie .
    Mna ke ndizithandela I gospel so uSbongile ebethi esova ingoma andisendele mntase komamele apha,nam ngokunjalo xa kuko ingoma endiyithandileyo ndiyamsendela ngoba ndiyazi uzoyithanda.
    Maqwambe kubuhlungu kunjalo lixesha lokuba siwasuse amehlo ethu kuSbongie simyeke aphumle ngoxolo

    1. Kodwa kufa luphi ulwamvila lwakho wanga umphefumlo wakho ungalala ngoxolo Mamqwambi sohlala sikukhumbula until we meet again

  2. Such a sweet soul, who welcomed me with warm hands ndiqala umbona nokuya endlini yakhe for umsebenzi. I even over stayed my stay cause she was so talkative and sweet. Rest easy maka chulu ❤️️

  3. Nontsikelelo mandondo

    Words cannot describe what I’m feeling ,i give my condolences to the entire family, my the good Lord rest her soul.

  4. Nontsikelelo mandondo

    To you Nunu my baby I’m truly sorry about your loss, your mother was a great women & she will be truly missed & will always be remembered, but you must remember you are not alone , you still have a Mother Pam & sis shely ,I know them they will never desapoint you ,please my angel respect them, those two women they love you more than you think ..I love you my baby

  5. Mrs Zanele gwenxa.nofemele

    Rest in peace cc.God need u in the heaven. he want to give u a new testament in ur life.we will be always remember u sis aman

  6. Every Morning When I Come To Work At Seapoint Pick n Pay .I Had Always Come To You at Reiceiving Shout Down The Passage “Sboshido!!!!!! Sboshido’.Everyone knew That Everyday This Guy Does This.All I Can Say Is There Will Be No Other Sibongile Either Than You.We Know The dates of our birthday but not the dates that we gonna departure to this life.Till We Meet Again “Thandolwethu Maqetuka

  7. I still can’t believe usishiyile S’bongi.

    Izothatha ixesha ukwamnkeleka lemeko, from 1999 ukwazi kwam awukhange utshintshe uncumo lwakho beluhlala lunjeya,uthando lwakho novelwano has played a huge part in my life ubungu sister kum. Isivumelwano sakho noThixo wakho asinokuma ngaphambi kwazo. May your beautiful soul rest in peace ndzwakazi ❤️❤️❤️

  8. I’m I can’t say much speechless , Rest in peace MaHolimi ulwakho ulufezile sisi ubuyi family uyinto yonke kuthi……….

  9. My deepest condolences to the Nkasela family. Im going to miss Sibongile. Rest in peace my sis you were such a blessing to me.

  10. Andikholwa ukuba awusekho Sibi mntanam ubuthi Mhamha kum ubona umama ungumntanam lala ngoxolo sisi sonke sohambe le ndlela kubi kubuhlungu

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *