Funeral Service of the late Professor Nompendulo Mfene | eObituary

Obituary

UNompendulo Primrose Mfene “Mpesh” uzalwe  ngonyaka  ka 1956,25 December ezalwa ngutata uNdabangaye Morris uMvulane nomama uNolisini Amelia, intombi yaseMazangweni eMgxotyeni emaGqunukhwebeni.  Ungumntwana wesine kwaba hlanu, ababini kubo sebelandulela eli.

Amabanga aphantsi uwafunde eMgqakhwebe Primary School waza wagqithela eAmantinde High School apho aphumelele khona  ibanga leshumi. Waye wayokufunda izifundo zokuchwetheza (Typing) eWitsieshoek. Kunyaka olandelayo wafumana umsebenzi eMt Athur Girls High School njengonobhala. Waye wakhangela izithuba ezikufutshane nekhaya wasifumana eCiskei Peoples Bank, eBhisho, Department of Education eZwelitsha njengomchwethezi (typist), Longhomes eBhisho engumabhalana.

Wathi eselapho kwaphuma izithuba eUniversity of Fort Hare wafaka isicelo somsebenzi kuba enomnqweno wokuphuhlisa izifundo zakhe. Waye wenza izifundo zakhe zabucala waza waphumelela izifundo ze BA, Bachelor of Social Sciences (Honours) kwi Public Administration apho aphume ne Masters kwi Policy Studies (MPS) eZimbabwe. Waye wagqithela eNelson Mandela Metropolitan University njengomhlohli apho enze i Masters kwi Public Administration (MPA) ngo 2011 kunye  ne DPhil. (Public Administration) ngo 2014.  Waye wanyuselwa njenge Professor ngo 2020 waza wathatha umhlala-phantsi ngo 2021 kwinyanga yoMnga. 

Advert – OurNews Live Streaming

Usabele ubizo lwakhe ngomhla we16 February 2022. Ushiya ngasemva umntakwabo uMlungiseleli

“Msayi” noBulelwa “Mamvulane”, abantwana bakhe uSilumko, Nikiwe, Noluyolo, Sandla noSanele, abatshana nabazukulwana.

LALA UPHUMLE NGOXOLO MAMVULANE MSUTHUKAZI MABHAYI KHETSHE NCILASHE UGQATSO ULUFEZILE

Program

Ufundo lwe obituary

Isithethi sekhaya                           :             Mrs Marhadebe Ziya

Isithethi sakulomama wakhe      :             Miss Nomvuyo Mini

Isithethi sokukhula                       :             Mrs Yoliswa Gwarube

Isithethi somsebenzi                    :             Professor Masango

Poem                                               :             Doctor Noluntu Stella Dyubhele

Izithethi zeCawe                            :             Umkhokeli, usihlalo, negosa

Tributes

Intshumayelo                                 :             uMfundisi Isithethi sokubulela                      :             Mr Xolela Mfene

Location

Click on “view larger map” to navigate on mobile phone

Watch Live

Tributes

Comment with your tributes on the comment section below…

2 thoughts on “Funeral Service of the late Professor Nompendulo Mfene | eObituary”

  1. Zoleka Maliza /Madikane

    Phumla ngoxolo Mamvulane. Funeka wazi okokuba wenzakele uNomvuyo kuba ubuyinto yonke kuye. Phumla ntombi kuba ukwenzile konke ubufuna ukwenza. Uyakuthanda uZoleka Isitya esihle asidleli

Leave a Comment

Your email address will not be published.