Funeral Service of the late Ntombizandile Pamella Monica Manzi | eObituary

Obituary

UNtombizandile Pamella Monica Manzi uzalwa nguDavid Thamsanqa Manzi uNyawuza kunye noNodoli Nofezile Regina Manzi umaMthembu abangesokhoyo kwidolophu yakuKomani. Ngowesixhenxe kubantwana abasibhozo, abafana ababini abasele balandulela eli kunye noodade abahlanu, omnye kubo sele elandulele eli.

Wazalwa ngomhla we 02 kaNovember 1965 amabanga aphantsi uwenze eThembelihle Primary School waze wadlulela eMinah T Soga Senior Primary School, wadlulela e Howard Ben Mazwi Junior Secondary School. Amabanga aphezulu uwenze e W.B. Rubusana Senior Secondary School.

Uye wafumana umsebenzi wobu tishalakazi, waze waba yinxalenye ye project yomthungo I Sindwezama Sewing Project, waba ngu nobhala we Ezibeleni Development Association. Ukhe wanqumama okwexeshana emsebenzini waze wabuyela esikolweni apho ethe wenza imfundo enomsila e University of Johannesburg nalapho waye wafumana isidanga se Clothing Management.

Uthe waqala kwakhona umsebenzi ngekhono lakhe awayelithanda kakhulu lomthungo weempahla waze waphangela e Gelvenor textiles, wasebenza ixesha elide e EDCON umsebenzi wobu Clothing Technologist, waxelenga nase SASSA apho wayengumlungelelanisi nomnxibelelanisi kubathungi be uniform yase SASSA. Ngo 2014 uye wabuyela ekuzisebenzeleni ngokwakhe (Self-Employed) nalapho ebethunga yonke intlobo yempahla kwaye enesikolo apho ebefundisa nabanye abantu isakhono sokuthunga.

UShiya ngasemva abantwana abane, unyana wakhe u Akhona neentombi zakhe ezintantu uNontokozo, Sinethemba, no Nikilitha kunye nabazukulwana abane. Lala ngoxolo MaMpondo, Thahla, Faku, Ndayeni, Hlamba Ngobubende, Ngqungqushe, Ziqelekazi!

Program

  1. Ukufika komzimba – 07:00
  2. Inkonzo yasekhaya – 07:30 – 08:30
  3. Inkonzo yaseCaweni – 09:00 – 11:00
    1. Opening prayer
    2. Programme Director
    3. Ufundo lwe Obituary: Audio Obituary by Luvuyo Media
    4. Dedication from grandchildren
    5. Isithethi sokukhula
    6. Isithethi somsebenzi
    7. Umhlobo: Nomda
    8. Family friend
    9. Intshumayelo (Pastor WK Yengeni)
    10. Umbulelo nezaziso (Mr. Z. Manzi)

Location

Watch Funeral

Tributes

Please write your tribute in the comment section below. Please write it before 20h00 on Friday, 30 September 2022 for it to appear on the live broadcast.

1 thought on “Funeral Service of the late Ntombizandile Pamella Monica Manzi | eObituary”

Leave a Comment

Your email address will not be published. Required fields are marked *